2 Kwabasekorinte 8:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndithanda ukunazisa, mawethu, ngendlela esisebenze ngayo isisa sikaThixo kumabandla aseMakedoni.

2. Balingeke ngokugqithisileyo, iinkathazo zibavela ngapha nangapha; kodwa naxa kunjalo, babenochulumacho olukwangako, baza banikela ngezandla ezingenamkhinkqi, nangona bona ngokwabo beswele.

3. Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo.

4. Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda.

13-14. Andizami kuphungulela kuni umthwalo weengxaki zabanye, ngokunithwalisa umthwalo wabo. Kodwa njengoko nina nimi kakuhle ngoku, kulungile ukuba nibancede abo basweleyo, khon' ukuze xa nani nisweleyo banincede nabo. Ngale ndlela ke noba niphathana ngokufanayo,

2 Kwabasekorinte 8