12. Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo.
13. Ukuba asibhadlanga, kungenxa kaThixo. Kanti ukuba sibhadlile, kungenxa yenu.
14. Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe.
15. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.