2 Kwabasekorinte 13:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna.

7. Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe.

8. Kaloku mna andiyenzi into ephikisana nenyaniso, kuba ndingakuyo inyaniso.

9. Ndiyavuya mna xa ndibuthathaka nibe ke nina nomelele. Ngoko ke ndithandazela ukuba ningabi nampazamo.

10. Yiyo le nto ndibhala ngoku ndingekezi apho kuni. Ndenzela ukuba ze ndithi ndakufika apho ndinganiphathi gadalala, ndisebenzisa igunya endalinikwa yiNkosi – igunya lokunakha, ingelilo elokuniwisa.

11. Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.

12. Bulisanani ngokwamakholwa. Bonke abantu bakaThixo bayanibulisa.

2 Kwabasekorinte 13