2 Kwabasekorinte 10:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi.

3. Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

4. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;

5. sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.

2 Kwabasekorinte 10