2. UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam;ilizwi lakhe lisencakameni yolwimi lwam.
3. Uthethile uThixo kaSirayeli;iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi:“Lowo kumkani ulawula ngobulungisa,lowo ulawula esoyika uThixo,
4. uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu,lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula,lintshulise ingca emhlabeni.”
5. UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam,kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike,umnqophis' ongayi kwaphulwa,dinga elingagugiyo.Uya kuluphumelelisa usindiso lwam,awufezekise wonke umnqweno wam.
6. Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo;ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.
7. Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,atshiselwe kuloo ndawo akuyo.
8. Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.