10. Wabonwa ngumfo othile owaxelela uJowabhi wathi: “UAbhasalom ndimbone ejinga emthini wom-oki.”
11. Uthe uJowabhi kuloo ndoda: “Xa umbonileyo kutheni ukuze ungambulali kwangoko nje? Mna bendiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva, ndikuthi jize ngomxhaka ngaphezu koko.”
12. Loo mfo uphendule uJowabhi ngelithi: “Nokuba ubungade undihlawule iwaka leesiliva, bendingasoze ndimse sandla mna unyana kakumkani wam. Kaloku simve ngezethu iindlebe ukumkani ngokuya ebekuyala wena noAbhishayi noItayi esithi: ‘Nokuba ngubani na azayikhusele laa ntwana uAbhasalom.’
13. Ukuba bendenze ubugwenxa ndambulala uAbhasalom, ubeza kuyiva loo nto ukumkani, yaye akukho nto ifihlakeleyo kuye, ube wena ungayi kundithethelela.”
14. UJowabhi wathi: “Hayi, andizi kudla xesha apha ngawe.” Uthathe iintshuntshe zantathu, wamgwaza ngazo entliziyweni uAbhasalom esaphila, ejinga kuloo mthi wom-oki.
15. Emva koko kwafika ishumi lamadoda omkhosi kaJowabhi, amjikeleza uAbhasalom, amhlaba amgqibezela.
16. Uthe uJowabhi makuvuthelwe isigodlo, iphele imfazwe, abuye amadoda awayesukela amaSirayeli.
17. Awuthatha umzimba ka-Abhasalom, awuphosa emngxunyeni omkhulu owawulapho ehlathini, awugqumelela ngemfumba enkulu yamatye. Abaleka onke amaSirayeli, yayileyo indoda yajonga kowayo.
18. Esaphila uAbhasalom wayezenzele ilitye lesikhumbuzo kwiNtili kaKumkani, kuba wayesithi: “Andinanyana oza kuvusa igama lam.” Walithiya ngegama lakhe. Unanamhla oku kusathiwa lilitye lesikhumbuzo lika-Abhasalom ukubizwa kwalo.
19. Emva koko uAhimazi, unyana kaZadoki, wathi kuJowabhi: “Mandikhawuleze ndise kukumkani iindaba zovuyo zokuba *uNdikhoyo umgwebele wamkhulula kwiintshaba zakhe.”
20. UJowabhi wathi kuye: “Hayi, akukho zindaba zovuyo uya kuzisa kukumkani namhlanje. Loo nto uya kuyenza ngenye imini. Kaloku unyana kakumkani ufile.”