2 Kasamweli 17:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’

10. Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.

11. “Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini.

12. UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye.

2 Kasamweli 17