2 Kasamweli 14:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Yaye bendinoonyana ababini. Ngenye imini baxabana besemadlelweni, kwathi ngenxa yokuba kwakungekho mlamli, balwa wabethwa wafa omnye unyana wam.

7. Ngoku ke, mhlekazi, abantu basemzini wam bonke bandivukele besithi: ‘Mnikezele lo ubulele umntakwabo, khon' ukuze sibuyekeze ukufa komntakwabo lo ambuleleyo, kungabi sabakho ndlalifa.’ Ewe, bafuna ukuyicima igama impunde ebesendijonge ukuba yiyo eya kuvusa igama likayise, ivuse nomzi wakowayo.”

8. “Kulungile, ungagoduka, ndiza kunika umyalelo ngokubhekiselele kuwo lo mcimbi,” utshilo ukumkani kuloo mfazi.

9. “Mhlekazi, nkosi yam, mayibe ndim kunye nabantu bakowethu abathwele ityala ngale nto; yena ukumkani kunye nolawulo lwakhe makabe msulwa,” uqokele watsho loo mfazi waseTekowa.

10. Ukumkani wathi: “Umntu ophinde wakuthethisa uze uze naye apha kum; akasobe aphinde akuthi cha kwakhona.”

11. Umfazi lowo wathi: “Nceda, mhlekazi, uthandaze *kuNdikhoyo uThixo wakho ukuba abaphindezeli bangambulali umntwana wam, ndize ndisale ndingenanyana.”Yena wathi: “Ehleli nje uNdikhoyo, akukho bani uya kumthi cha nakancinane unyana wakho!”

12. Umfazi wathi: “Mhlekazi, nceda usivumele isicakakazi sakho, sibe nelizwi esilibhekisa kuwe.”“Ewe, thetha,” utshilo ukumkani.

13. Wathi ke loo mfazi: “Ke, mhlekazi, uyenzeleni into efana nale kangaka kubantu bakaThixo? Kaloku, mhlekazi, uzigweba ngokwakho ngale ntetho yakho, kuba kwawena akuvumi abuyele ekhaya unyana wakho obhacileyo.

14. Sonke simelwe kukufa, siphalale njengamanzi angenakubuya akhiwe. Kambe uThixo akawucimi umphefumlo, koko wenza icebo lokuba obhacileyo ambuyise.

15. Into endizise kuwe, mhlekazi, ngabantu abandisongelayo; ndiziswe lithemba lokuba uya kundenzela loo nto ndiyicelayo kuwe.

2 Kasamweli 14