1 Yookumkani 8:7-25 Ibhayibhile (XHO96)

7. Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.

8. La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphelo zawo kumntu ophambi kwengcwele kangcwele, kambe ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.

9. Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.

10. Bathe ke bakuphuma ababingeleli kwindawo engcwele, indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu.

11. Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu yakhe.

12. Ke kaloku uSolomon wathi: “UNdikhoyo wayethe uza kuhlala kwilifu elimnyama.

13. Ke mna ngenene ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo oya kuhlala kuyo ngonaphakade.”

14. Lithe lisemi apho lonke elo bandla likaSirayeli, ukumkani wee guququ walithamsanqela,

15. wathi: “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, yena othe ngesandla sakhe wasifezekisa isithembiso awasenza ngowakhe umlomo kubawo uDavide. Kaloku yena wathi:

16. ‘Ukusukela kwimini endabakhuphayo ngayo abantu bam amaSirayeli eJiputa, zange ndizikhethele sixeko nakwisiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam; kambe ke ndinyule uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’

17. “UDavide ubawo wayezimisele ngomxhelo wakhe ukuba igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli alakhele indlu.

18. Kambe ke uNdikhoyo wathi kubawo uDavide: ‘Ibe yinto entle ukuba uzimisele ukulakhela indlu igama lam.

19. Noko ke kambe asinguwe oza kulakhela indlu igama lam, koko yoba ngunyana wakho; nditsho kanye owesinqe sakho – nguye oya kulakhela indlu igama lam.’

20. “UNdikhoyo ke usigcinile eso sithembiso wasenzayo. Naku ngoku ndingene esikhundleni sikabawo uDavide. Ewe, ndichophe kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo, ndaza ndalakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

21. Ndiyenzele indawo ityesi equlathe umnqophiso kaNdikhoyo awayewenze noobawo ekubakhululeni kwakhe kwelaseJiputa.”

22. Ke kaloku uSolomon wema phambi kweqonga *likaNdikhoyo, apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza izandla zakhe waziphakamisela ezulwini,

23. wathi:“Ewe, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, akakho uthixo onjengawe, nditsho ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi. Kaloku ungulowo uwugcinayo umnqophiso wakho wokuzithanda izicaka zakho ezithe rhoqo ngomxhelo wazo wonke ukuhamba ezindleleni zakho.

24. Nangoku ke usigcinile isithembiso sakho kwisicaka sakho uDavide ubawo. Wathembisa ngomlomo wakho; kunamhlanje-nje ke ufezekisile ngesandla sakho.

25. “Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuba bahambe phambi kwam njengawe lo.’

1 Yookumkani 8