1 Yookumkani 7:27-38 Ibhayibhile (XHO96)

27. Kananjalo uHuram wenza neshumi leenqwelo zobhedu, nganye kuzo iyimitha eneekota ezintathu ubude, bukwangako nobubanzi, ukuphakama kuyimitha enekota.

28. Ezi nqwelo zazenziwe ngolu hlobo: zazinamanqwanqwa anxityelelaniswe nezibonda.

29. Kuloo manqwanqwa phakathi kwezibonda kwakukho iingonyama, iinkunzi zeenkomo, *nezithunywa ezimaphiko. Ngaphezulu nangaphantsi kweengonyama nezo nkunzi zeenkomo kwakujinga izidanga ezixonxiweyo.

30. Inqwelo nganye yayinamavili amane obhedu, ikwaneasi yobhedu. Kwakukho isitya esixhaswe ngezibonda ezine. Ezo zibonda zazihonjiswe ngezidanga macala.

31. Ngaphezu kwesitya kwakukho indawo ekhamisileyo ingqukuva. Ngaphezu kwenqwelo yayivele isithuba seesentimitha ezimashumi mane anesihlanu, iziisentimitha ezilishumi elinesibhozo ukuhla. Yayikroliwe jikelele. Amanqwanqwa la wona ayengoono-ne abalinganayo, engekho ngqukuva.

32. La mavili mane ayephantsi kwaloo manqwanqwa, iiasi zamavili zinxibelelene nenqwelo. Ukuphakama kwevili ngalinye kwakuziisentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu.

33. Amavili la ayefana neenqwelo zonke; iasi, umphetho, izibonda zazo, ngokunjalo neenafu, zonke zazizezobhedu.

34. Inqwelo nganye yayinezibonda ezine ezinxityelelwe apha ezikoneni emazantsi.

35. Inqwelo nganye yayibotshwe ngebhanti engqukuva apha emantla, ke yona iziisentimitha ezingamashumi amabini anambini jikelele. Izibonda ezaziyixhasile, ndawonye namacala, zazinxityelelaniswe nenqwelo ngobubanzi.

36. Kananjalo wakrola *izithunywa ezimaphiko, iingonyama, nemithi yesundu apho kwezo zibonda, nakuloo macala, naphi na apho kwakukho isithuba, kujikeleziswe nezidanga.

37. Zazinjalo ke ezo nqwelo zilishumi. Zazibunjwe ngandlela-nye, ngazinye zifana zilingana.

38. UHuram wenza izitya ezilishumi, esenzela ezo nqwelo zolishumi. Isitya ngasinye sasiyimitha eneekota ezintathu ububanzi, singena iilitha ezimakhulu asibhozo.

1 Yookumkani 7