1 Yookumkani 7:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kambe ke uSolomon wathatha iminyaka elishumi elinesithathu xa wayesakha ibhotwe lakhe.

2. Ibhotwe lalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon. Laliziimitha ezingamashumi amane anesine ubude balo, liziimitha ezingamashumi amabini anambini ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezilishumi elinesithathu elinesiqingatha. Lalinezintlu ezine zeentsika zomsedare, zintsika ezo ezazixhasa imiqadi yomsedare.

3. Uphahla lwayo lwalwenziwe ngomsedare obekwe phezu kwemiqadi eyayixhaswa ziintsika. Imiqadi le yayingamashumi amane anantlanu, ilishumi elinesihlanu kuluhlu ngalunye.

4. Kwakukho izintlu ezintathu zeefestile eziphakamileyo zijongene.

5. Imigubasi yeengcango yayenziwe buxande, iminyango le izizintlu ezintathu ezijongeneyo.

6. Igumbi elilandelayo laliziimitha ezingamashumi amabini anesibini ubude, luziimitha ezilishumi elinesithathu nesiqingatha ububanzi. Ekungeneni kulo kwakukho igunjana elilisango elineentsika nevaranda.

7. Igumbi elilandelayo yayiligumbi lekumkani elalikwayinkundla yamatyala apho uSolomon wayewavavanyela khona. Iindonga zazambathiswe ngamaplanga omsedare ukusukela emgangathweni kuye kuthi gaa ngesilingi.

1 Yookumkani 7