1 Yookumkani 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ukumkani uHiram waseTire akuva ukuba uSolomon uthanjisiwe wangena esikhundleni sikaDavide, wathumela oonozaku-zaku bakhe kuSolomon, kuba kaloku kwakusoloko kukho unxibelelwano lobuhlobo phakathi kwakhe noDavide.

2. Nanku ke umyalezo owathunyelwa nguSolomon kuHiram:

3. “Kaloku nawe uyazi ukuba ngenxa yeemfazwe awazilwa zivela ngenxa zonke ubawo uDavide akazange abe nako ukwakhela igama *likaNdikhoyo uThixo wakhe indlu, de abe uNdikhoyo uzibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba zakhe.

4. Kambe ke ngoku mna uNdikhoyo uThixo wam undithe jize ngenzolo macal' onke; andinazintshaba nazithwakumbe.

5. Ngoko ke ndizimisele ukulakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo wam, njengoko uNdikhoyo watshoyo kubawo uDavide. Kaloku wathi: ‘Ngunyana wakho, endiya kumngenisa esihlalweni sakho, oya kulakhela indlu igama lam.’

1 Yookumkani 5