41. Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli.
42. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu nantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.
43. Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso.
44. UYoshafati wayeseluxolweni nokumkani wakwaSirayeli.
45. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, nempumelelo yakhe, neemfazwe awazilwayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
46. Into awayitshitshisayo elizweni lakhe zizibingelelo zamahenyu angamadoda, ezazisekho nasemva kolawulo lukayise uAsa.
47. Ke kaloku kwaEdom kwakungekho kumkani, koko kwakuphethe ibamba.
48. UYoshafati wakha iqela leenqanawa zokurhweba, ukuze ziye eOfire, zifune igolide. Kambe ke zange zide zihambe, kuba zazisuka zitshone e-Eziyon-gebhere.
49. Ngelo xesha ke uAhaziya unyana ka-Ahabhi wathetha noYoshafati, wathi: “Khawuvumele amadoda am ahambe ngeenqanawa kunye nala wakho.” Kodwa ke wala uYoshafati.
50. Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide ukhokho wakhe. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uYoram.
51. Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini.
52. Wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba wasuka wahamba ekhondweni likayise nonina, nasezindleleni zikaJerobhowam unyana kaNebhati owalukuhlela uSirayeli esonweni.