34. Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”
35. Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa.
36. Kwathi xa lithi ndithenge, kwavakala umyalelo kwalapho emkhosini usithi: “Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!”
37. Waba ke ngaloo ndlela ukumkani wakwaSirayeli uyafa. Waza ke wasiwa eSamariya, wangcwatyelwa khona.
38. Loo nqwelo wayekuyo yahlanjwa kwichibi elithile apho eSamariya (kwelo chibi ke kwakuhlambela kulo amahenyukazi). Ke zona izinja zalixhapha elo gazi lakhe ngokwelizwi awayelithethile uNdikhoyo.
39. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahabhi nezenzo zakhe, nelo bhotwe walakhayo walihombisa ngamabamba eendlovu, kunye nezixeko awazinqabisayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
40. UAhabhi waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uAhaziya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
41. Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli.
42. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu nantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.
43. Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso.
44. UYoshafati wayeseluxolweni nokumkani wakwaSirayeli.
45. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, nempumelelo yakhe, neemfazwe awazilwayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
46. Into awayitshitshisayo elizweni lakhe zizibingelelo zamahenyu angamadoda, ezazisekho nasemva kolawulo lukayise uAsa.
47. Ke kaloku kwaEdom kwakungekho kumkani, koko kwakuphethe ibamba.
48. UYoshafati wakha iqela leenqanawa zokurhweba, ukuze ziye eOfire, zifune igolide. Kambe ke zange zide zihambe, kuba zazisuka zitshone e-Eziyon-gebhere.
49. Ngelo xesha ke uAhaziya unyana ka-Ahabhi wathetha noYoshafati, wathi: “Khawuvumele amadoda am ahambe ngeenqanawa kunye nala wakho.” Kodwa ke wala uYoshafati.