15. Ngoko ke uAhabhi wawabiza amajoni aselula aphantsi kweenjengele zamaphondo. Ayengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amathathu anambini. Wawuhlanganisa emva kwawo umndilili wamaSirayeli ungabantu abamawaka asixhenxe.
16. Baphuma emini emaqanda, xa kanye uBhenadadi naloo mashumi mathathu anambini ookumkani abamncedisayo babesazihlalele ezintenteni zabo besela.
17. Amabutho aselula aphantsi kweenjengele zamaphondo akhokela.UBhenadadi wayethumele, waza waxelelwa kwathiwa: “Nako kuphuma amadoda eSamariya.”
18. UBhenadadi wayalela wathi: “Ukuba eza ngoxolo, wathatheni nize nawo; ukanti nokuba eza ngemfazwe, wabambeni nize nawo ephila.”
19. Loo majoni aphantsi kweenjengele zamaphondo angqisha aphuma apho esixekweni, umkhosi uthe bhuu emva kwawo.
20. Yaba ngulowo nalowo wageqa lowo ajongene naye. Hayi ke, kwathi bhazalala ama-Aram ebaleka. Aye wona amaSirayeli ewasukela. Ke yena uBhenadadi ukumkani wama-Aram wasaba ekhwele ihashe, wemka neqela lababakhweli-mahashe.
21. Waphuma ke ukumkani wakwaSirayeli, wabahlasela abamahashe nabeenqwelo, wawabetha ee waca ama-Aram.
22. Wafika umshumayeli lowa, wathetha nokumkani wakwaSirayeli, wathi: “Buyani nizihlaziye, nicwangcise ngenyameko, nihlale nomelele, kuba ukumkani wama-Aram lo uza kubuya aphinde anihlasele entlakohlaza.”