35. Ke ukumkani wamisela uBhenaya unyana kaJoyada wayinjengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi, waza endaweni ka-Abhiyatare wafaka umbingeleli uZadoki.
36. Waza ke ukumkani wathumela kuShimeyi wathi: “Zakhele indlu eJerusalem, uhlale kuyo, ungaze uphume khona uye naphi na.
37. Mhla waphuma wayiwela le ntili yeKedron, uze wazi ukuba ufile, kambe ke igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.”
38. UShimeyi uphendule ngelithi kukumkani: “Uthethe kakuhle, mhlekazi. Isicaka sakho siya kuyenza loo nto uyithethileyo, nkosi yam kumkani.” Ngenene ke uShimeyi wahlala eJerusalem ithuba elide.
39. Ke kaloku emva kweminyaka emithathu amakhoboka amabini kaShimeyi abalekela kuAkishe unyana kaMahaka ukumkani waseGati, waza ke uShimeyi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, amakhoboka akho aseGati.”
40. Akuyiva ke le nto, wabopha idonki yakhe, waya kuAkishe eGati, efuna loo makhoboka. Ke uShimeyi wawafumana apho eGati amakhoboka lawo, wabuya nawo.
41. Waxelelwa ke uSolomon ukuba uShimeyi uphume eJerusalem waya eGati, waza waphinda wabuya.
42. Ukumkani ke wambiza uShimeyi, wathi kuye: “Kanene ndandingakufungisanga uNdikhoyo na ndikulumkisa ndisithi: ‘Mhla waphuma usiya naphi na ngaphandle, uze wazi ukuba ufile’? Ndathi ndakutsho kuwe wena waphendula usithi: ‘Uthethe kakuhle mhlekazi; ndiya kukuthobela.’