Ke kaloku emva kwethuba, kunyaka wesithathu waloo mbalela, uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Hamba uye kubonana noAhabhi; ke mna ndiya kuyinisa imvula elizweni.”