2. UEliya wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:
3. “Mka kule ndawo, ubheke ngasempuma, uye kuzimela ngasentlanjeni iKeriti kwimpuma yomlambo iJordan.
4. Apho ke uya kusela kuloo ntlambo; futhi ke amahlungulu ndiwayalele ukuba akondle.”
5. Ngoko ke uEliya wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Wahamba waya kuloo ntlambo yaseKeriti kwimpuma yeJordan, wahlala khona apho.
6. Ke amahlungulu amphathela isonka nenyama kusasa, aza amzisela isonka nenyama emalanga, esela kuloo ntlambo.
7. Kuthe ke ngokuhamba kwexesha yatsha loo ntlanjana, kuba kwakungekho mvula kwelo lizwe.
8. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuye lisithi:
9. “Hamba uye eZarfati eSidon, uhlale khona. Nalapho ndiyalele umhlolokazi wakhona ukuba akuphe ukutya.”