1. Ke kaloku uEliya waseTishbhi eGiliyadi wathetha noAhabhi, wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, lo ndimkhonzayo, kuza kubakho imbalela kungabikho mbethe namvula kule minyaka izayo kungengalo ilizwi lam.”
2. UEliya wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:
3. “Mka kule ndawo, ubheke ngasempuma, uye kuzimela ngasentlanjeni iKeriti kwimpuma yomlambo iJordan.
4. Apho ke uya kusela kuloo ntlambo; futhi ke amahlungulu ndiwayalele ukuba akondle.”
5. Ngoko ke uEliya wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Wahamba waya kuloo ntlambo yaseKeriti kwimpuma yeJordan, wahlala khona apho.