1 Yookumkani 16:27-33 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaOmri, imisebenzi ndawonye nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

28. UOmri ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya, esikhundleni sakhe ke kwangena uAhabhi unyana wakhe wangukumkani.

29. Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo wokulawula kuka-Asa kwaJuda, uAhabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula iminyaka emashumi mabini anambini kwaSirayeli eSamariya.

30. UAhabhi unyana kaOmri wathi kratya ngobubi *kuNdikhoyo kunabo bonke ababengaphambi kwakhe.

31. Akanelanga nje ukwenza izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, kodwa wongeza nangokuthatha uJezebhele intombi kaEtibhali ukumkani wamaSidon, waza ke wangena ekunquleni uBhali.

32. Wenzela uBhali iqonga lamadini kwisibingelelo awamakhela sona eSamariya.

33. UAhabhi wamisela isibonda esifanekisa uAshera, waza ngokwenjenjalo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nto leyo yamenza wabalasela ekuqumbiseni uNdikhoyo kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

1 Yookumkani 16