21. Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.
22. Kambe ke kwafika eli lizwi likaThixo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi:
23. “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda, nayo yonke indlu kaJuda nekaBhenjamin, nakubo bonke abaseleyo, uthi:
24. ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu amaSirayeli. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke balithobela ilizwi likaNdikhoyo, bagoduka ngokomyalelo wakhe.
25. UJerobhowam wayixhobisa iShekem kwelo lakwaEfrayim, waza wahlala khona. Kananjalo waya kuyakha nePeniyeli.
26. UJerobhowam wathi ngaphakathi kwakhe: “Hleze lo mbuso ubuyele kwindlu kaDavide.
27. Ukuba aba bantu bamane besiya kwenza amadini endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, bangasuka baphinde bakhahlele kwinkosi yabo uRehobhowam ukumkani kaJuda. Xa inokwenzeka loo nto bangandibulala, babuyele kukumkani uRehobhowam.”