3. Wayenamakhulu asixhenxe abafazi begazi, enamakhulu amathathu amaqadi. Abo bafazi ke bayilahlekisa intliziyo yakhe.
4. Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide.
5. Wazinikezela kuAshtoreti, isithixokazi samaSidon, nakuMilikom, isikizi lothixo wama-Amon.
6. Ngaloo ndlela ke uSolomon wanxaxha ekulandeleni uNdikhoyo, akabi nako ukumnqula ngokufezekileyo uNdikhoyo njengoyise uDavide.
7. Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon.