26. Kanti ke noJerobhowam unyana kaNebhati wavukelana nokumkani uSolomon. Wayengomnye wamaphakathi kaSolomon, engumEfrayim waseZereda, unina engumhlolokazi ogama linguZeruya.
27. Nantsi indlela awavukela ngayo ukumkani: uSolomon wayegangatha umhlaba okwimpuma yeJerusalem, elungisa neendonga zesixeko sikayise uDavide.
28. Ke kaloku lo mfo unguJerobhowam wayelichule. Akubona ubuhle bomsebenzi walo mfana ke uSolomon, wammisa ukuba abe ngumveleli kubo bonke abasebenzi bendlu kaJosefu.
29. Ngelo thuba ke uJerobhowam waphuma eJerusalem, waza ke wadibana *nomshumayeli waseShilo uAhiya, yena enxibe isambatho esitsha. Baba bodwa ke apho emaphandleni bobabini,
30. waza uAhiyo wathatha eso sambatho sitsha wayesinxibile, wasikrazula saziziqwenga ezilishumi elinambini.
31. Waza ke wathi kuJerobhowam: “Zithathele iziqwenga zibe lishumi. Kaloku la ngamazwi *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Ndiza kuwukrazula umbuso kaSolomon, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
32. Kambe ke ngenxa yesicaka sam uDavide, nesixeko sam iJerusalem endasinyulayo kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, yena wosala nesizwe sibe sinye.
33. Le nto ke ndiza kuyenza kuba bandilahlile banqula uAshtoreti isithixokazi samaSidon, noKemoshe uthixo wamaMowabhi, noMilikom uthixo wama-Amon. Ewe, banxaxhile ezindleleni zam; bakutyeshele ukwenza izinto ezilungileyo; abayithobelanga imithetho nemimiselo yam njengoko wenzayo uDavide uyise kaSolomon.
34. Kodwa ke umbuso andiyi kuwuthatha wonke esandleni sikaSolomon; yena woba ngumlawuli ngayo yonke imihla yokudla kwakhe ubomi, ngenxa kaDavide isicaka sam endasinyulayo saza sayithobela imithetho nemimiselo yam.
35. Umbuso lo ndiya kuwohlutha kunyana wakhe, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
36. Unyana wakhe ndomnika isizwe esinye, ukuze isicaka sam uDavide sibe nesibane yonke imihla eJerusalem isixeko endasinyulela igama lam.
37. Kambe ke wena ndiya kukumisa ulawule kangangoko ufuna, ube ngukumkani kwaSirayeli.
38. Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli.