1. Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuva ngodumo lukaSolomon nokusondela kwakhe kwigama *likaNdikhoyo, weza kumvavanya ngemibuzo enzima.
2. Wafika ke eJerusalem enehlokondiba lamaphakathi negquba leenkamela, zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon, wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe.
3. Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo ukumkani kwiingcaciso awayezifuna.
4. Ukumkanikazi waseShebha akububona bonke ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,
5. nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.
6. Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.
7. Kambe ke zange ndizikholelwe ezi zinto de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene andixelelwanga nesiqingatha esi ngawe. Mayela nobulumko nobutyebi wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene.
8. Anoyolo amadoda akwakho! Anenyweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho!