1. Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba.
2. Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku.
3. Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala.
4. Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela.
5. Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni.
6. Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
7. Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila.
8. Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko.