1 Kwabasekorinte 7:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ukuba ubani uthe wabizwa engowalukileyo *ngokomthetho kaMosis, makangazenzi ongalukanga. Ukuba ubani uthe wabizwa engalukanga, makangaluki.

19. Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto, eyona nto kukugcina imiyalelo kaThixo.

20. Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo.

1 Kwabasekorinte 7