1 Kwabasekorinte 6:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Xa kukho umntu phakathi kwenu onento afuna ukumangalela omnye ngayo, angathini ukusuka aye kummangalela enkundleni, ukuze ityala lakhe lithethwe ngabangengomakholwa? Kutheni le nto angalisi kumakholwa nje ityala lakhe?

2. Anazi na ukuba amakholwa aya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi liya kugwetywa nini, ningathini ke ukuxakwa kukuthetha nawona mancinci amatyala?

3. Thina siya kugweba nkqu nezithunywa zezulu, singathini ukuxakwa kukugweba izinto zobu bomi?

4. Ningathini ke ukusuka niye ematyaleni ngezinto zobu bomi, ukuze amatyala enu athethwe ngabantu abangento ebandleni?

5. Niyazihlazisa ke khona! Ngaba akukho nasinye na isilumko phakathi kwenu esinokuwalamla amakholwa?

6. Phofu ke lingathini ikholwa ukusuka limangalelane nekholwa enkundleni yabangakholwayo?

7. Iyimposiso enkulu kambe kwainto yokuba nibe nemicimbi enimangalelana ngayo. Ngekungcono ukuba benivuma ukuba noniwe; ngekungcono ukuba benivuma ukuba niqhathwe.

8. Kodwa, nina nisuka none okanye nibaqhathe abanye, nangona bengamawenu!

9. Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo,

10. nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

11. Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.

12. Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

13. Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

1 Kwabasekorinte 6