1 Kwabasekorinte 5:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.

4. Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,

5. makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.

6. Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”?

7. Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini.

8. Ngoko ke itheko lethu masingalityi ngasonka sinegwele elidala, elikukona nobubi, kodwa masilitye ngesonka esingenagwele, isonka sobunyulu nenyaniso.

9. Kwincwadi endanibhalela yona ndathi ze ningadibaniselani nabarheletyi.

10. Ke bendingaxeli abarheletyi beli hlabathi, ababawayo, izigebenga, nabakhonza izithixo. Ukuze ningadibaniselani nabo, bekuya kufuneka ningabikho emhlabeni!

1 Kwabasekorinte 5