13. Umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngemini yomgwebo, kuba ngaloo mini umlilo uya kuwubonakalisa umsebenzi womntu ngamnye, uphicothe ubunjani bawo.
14. Ukuba into akhe ngayo umntu phezu kwesi siseko ayitshanga, uya kwamkela umvuzo.
15. Ke ukuba ithe yatsha, umntu lowo wolahlekelwa ngumvuzo; ke yena ngokwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.
16. Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?
17. Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.
18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.
19. Kaloku ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo. Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “UThixo uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;”
20. ziphinde zithi: “INkosi iyazazi ukuba zingamampunge iingcamango zezilumko.”
21. Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngezinto ezenziwa ngabantu. Kaloku izinto zonke zezenu:
22. nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguPetros, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikhoyo, nokuba zeziza kubakho; zonke ezo zinto zezenu.