1 Kwabasekorinte 15:56-58 Ibhayibhile (XHO96)

56. Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

57. Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

58. Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

1 Kwabasekorinte 15