7. Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.
8. Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe.
9. Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda.
10. Ngoko ke, ngenxa yokuhlonela imilowo yakwaThixo umfazi makathwale.
11. Kanti ke akukho namnye ungaxhomekekanga komnye kwabo badlelana noKrestu; indoda ixhomekeke emfazini, nomfazi endodeni.
12. Nanjengokuba kaloku umfazi wathathwa endodeni, ngokunjalo ke nendoda izalwa ngumfazi, yaye ke bobabini bavela kuThixo owadala zonke izinto.
13. Zahluleleni ngokwenu ke! Kufanelekile na ukuba umntu obhinqileyo athandaze enkonzweni engathwele nto entloko?
14. Indalo ngokwayo yalatha ukuba zilihlazo endodeni iinwele ezinde;
15. kodwa zilibhongo lomntu obhinqileyo. Kaloku wazinikwa iinwele ezinde ukuze zimgqume.
16. Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni.
17. Nantsi indawo endingenakunincoma ngayo: ezintlanganisweni zenu anihlanganeli kwakhana, koko nisuka none.
18. Ndawo yokuqala, ndivile ukuba kwezi nkonzo zenu nahluka-hlukene, ibe ke ndiyaqonda ukuba loo nto ngahle ibe injalo.
19. (Kambe yona iyantlukwano ilindelekile, ukuze kucace abo basendleleni nabo banxaxhayo.)
20. Ukuhlangana kwenu enkonzweni anihlanganeli kwenza umthendeleko weNkosi
21. kuba omnye uzityela yedwa, baze abanye basale belambile ngeli lixa abanye benxila.
22. Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye!
23. Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka,