1 Kwabasekorinte 11:27-34 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi.

28. Makazicikide ke ngoko ngokwakhe umntu, aze ke asitye isonka eso, ayisele nendebe leyo;

29. kuba lowo utyayo asele, uzityela aziselele umgwebo ukuba akawuphicothi ngokufanelekileyo umzimba weNkosi.

30. Lo ngunobangela wokuba babe baninzi phakathi kwenu ababuthathaka nabayimilwelwe, ngokunjalo nasebefile.

31. Ukuba besizicikida ngeba asigwetywa;

32. kodwa ke sisohlwaywa nje, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa kunye nehlabathi.

33. Ngoko ke, mawethu, xa nihlangana esidlweni seNkosi lindanani.

34. Ukuba kukho olambileyo, makaqale atye ekhaya, ukuze ukuhlangana kwenu kunganizeli nokugwetywa. Eminye imicimbi ndoyiphonononga ndakuba ndifikile apho.

1 Kwabasekorinte 11