1 Kwabasekorinte 11:24-27 Ibhayibhile (XHO96)

24. yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.”

25. Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.”

26. Kuba kaloku ngamaxesha onke nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nivakalisa ukufa kweNkosi, ide ibuye.

27. Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi.

1 Kwabasekorinte 11