23. Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka,
24. yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.”
25. Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.”