1 Kwabasekorinte 11:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye!

23. Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka,

24. yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.”

25. Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.”

1 Kwabasekorinte 11