1 Kwabasekorinte 10:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kaloku, mawethu, yikhumbuleni into eyabehlelayo ookhokho bethu ababekhokelwa nguMosis. Xa bebonke babekhuselwe lilifu, baza basinda baluwela uLwandle oluBomvu.

2. Ukungena kwabo kwelo lifu nokuwela kwabo ulwandle kwaba bubungqina bokuba bangabalandeli bakaMosis.

3. Bonke batya ukutya koMoya,

4. baza basela isiselo soMoya. Babesela kwelo liwa likaThixo lalisoloko likho. Lona ke iliwa elo lalatha uKrestu.

5. Kodwa ke nangoko uThixo akaneliswanga luninzi lwabo, ngenxa yaloo nto ke izidumbu zabo zathi saa entlango.

6. Ngoku ke zonke ezi zinto ziyimizekelo kuthi ukuze singanqweneli izinto ezimbi njengabo,

7. futhi singanquli izithixo njengoko yênzayo inxalenye yabo. Kaloku *iziBhalo zithi: “Abantu bahlala phantsi batya basela, baza baphakama badlala.”

8. Masingarheletyi njengokuba babesenjenjalo abanye babo, kwaza ngamini-nye kwafa amawaka angamashumi amabini anesithathu.

9. Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka.

1 Kwabasekorinte 10