1 Kasamweli 27:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko uDavide wacinga wathi: “Uya kuze andithi hlasi andibulale uSawule lo ngenye imini. Icebo linye ke: kukusabela kwelamaFilistiya. Wondincama ke uSawule, ayeke ukundifuna kwaSirayeli, ndibe ke ndiyaphuncuka esandleni sakhe.”

2. Wanduluka ke uDavide kunye namadoda akhe angamakhulu amathandathu, benjenjeya ukusinga kwa-Akishe, unyana kaMawoki, ukumkani waseGati.

3. Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

1 Kasamweli 27