1 Kasamweli 18:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.

7. Babevuma bengqungqa besithi:“Wabulal' amawaka uSawule;yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.”

8. USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”

9. Waba nomona ke uSawule, wasoloko embeke esweni uDavide ukususela loo mini.

10. Ngengomso uSawule waphathwa ngumoya okhohlakeleyo ovunyelwe nguThixo, wamtsho waliphambana kuloo ndlu yakhe. Wayebetha uhadi uDavide ngokwesiqhelo, uSawule yena ephethe umkhonto.

11. “Ndingambethelela koluya ludonga ngalo mkhonto lo Davide,” uzitsholo uSawule. Waba selemjula uDavide ngawo, kodwa yena wawuphepha zozibini izihlandlo uDavide.

1 Kasamweli 18