10. Ngengomso uSawule waphathwa ngumoya okhohlakeleyo ovunyelwe nguThixo, wamtsho waliphambana kuloo ndlu yakhe. Wayebetha uhadi uDavide ngokwesiqhelo, uSawule yena ephethe umkhonto.
11. “Ndingambethelela koluya ludonga ngalo mkhonto lo Davide,” uzitsholo uSawule. Waba selemjula uDavide ngawo, kodwa yena wawuphepha zozibini izihlandlo uDavide.
12. USawule wamoyika uDavide, kuba *uNdikhoyo wayenaye, emfulathele uSawule.
13. USawule wamshenxisa uDavide kuye, wamenza umphathi wewaka lamadoda omkhosi. Wayewakhokela emadabini loo madoda,
14. aphumelele uDavide kuyo yonke imisebenzi ayiphathayo, kuba kaloku uNdikhoyo wayenaye.
15. USawule wamoyika ngakumbi ke uDavide akubona impumelelo yakhe.
16. Wonke ubani kwaSirayeli nakwaJuda wayemthanda uDavide, kuba wayeyinkokheli emadabini.
17. USawule wabiza uDavide, wathi kuye: “Nanku uMerabhi, intombi yam enkulu. Ndiya kumendisela kuwe. Wena ke uzundikhonze ngobugorha, ulwe amadabi *kaNdikhoyo.” USawule wayesithi: “Andizukumsa sandla mna ngokwam; mayibe ngamaFilistiya.”