6. Wenani! wenani! Sabani ezweni langasentla, utsho uYehova; ngokuba ndiniphangalalisa njengemimoya yominé yezulu; utsho uYehova.
7. Wa, Ziyon! Zísindise, wena uhleli nentombi enguBhabheli.
8. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Úndithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.
9. Ngokuba, uyabona, ndiya kulingisa ngesandla sam kuzo, zibe ngamaxhoba kwababezikhonza; názi ukuba uYehova wemikhosi undithumile.