2. Ndathi ke, Ùya ngaphi na? Wathi kum, Ndiya kulinganisa iYerusalem, ndibone ukuba bungakanani na ububanzi bayo, bungakanani na ubude bayo.
3. Naso ke isithunywa esibe sithetha nam siphuma, kuphuma nesinye isithunywa, sisiya kusikhawulela.
4. Sathi kuso, Gidima, uthethe nalaa ndodana, uthi, IYerusalem iya kuhlala ngokwamaphandle, ngenxa yobuninzi babantu neenkomo eziphakathi kwayo.
5. Ndiya kuba ludonga lomlilo kuyo mna ngeenxa zonke, utsho uYehova; ndibe bubuqaqawuli phakathi kwayo.
6. Wenani! wenani! Sabani ezweni langasentla, utsho uYehova; ngokuba ndiniphangalalisa njengemimoya yominé yezulu; utsho uYehova.
7. Wa, Ziyon! Zísindise, wena uhleli nentombi enguBhabheli.
8. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Úndithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.