Uzekariya 14:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho.

2. Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu angànqunyulwa wona kuwo umzi.

3. Úya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.

Uzekariya 14