Uzekariya 11:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!

4. Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;

5. obathengi bawo bawubulalayo, bathi àbanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo àbawucongi.

6. Ngoku ba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.

7. Ndawalúsa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi.

Uzekariya 11