13. Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
14. Ize nisondele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;
15. ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli.
16. Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;
17. wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;
18. wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.
19. Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukise uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.
20. UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje:
21. ndabona emaxhobeni ingubo enkulu entle yaseShinare yanye, neeshekele* zesilivere zaba makhulu mabini, nesinqumka segolide sasinye esiziishekele ezimashumi mahlanu ubunzima baso; ndazinqwenela, ndazithabatha; nanzo zimbelwe emhlabeni phakathi kwentente yam, isilivere ingaphantsi.