1. Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenzé ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela; zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.
2. Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalùsa oonyana bakaSirayeli.
3. Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalùsa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwalùswa.
4. Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
5. Kuba baye balukile bonke abantu abo baphumáyo; ke bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa, babengalukanga.