Uyoshuwa 5:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenzé ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela; zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.

2. Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalùsa oonyana bakaSirayeli.

3. Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalùsa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwalùswa.

Uyoshuwa 5