Uyoshuwa 22:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandula uYoshuwa ukuwabiza amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi kuwo,

2. Nikugcinile konke, uMoses umkhonzi kaYehova abeniwisele ngako umthetho, naliphulaphula izwi lam ezintweni zonke endiniwisele umthetho ngazo.

3. Anibashiyanga abazalwana benu ezi mini zininzi unanamhla; ke nisigcinile isigxina somthetho kaYehova uThixo wenu.

4. Kaloku uYehova, uThixo wenu, ubaphumzile abazalwana benu, njengoko wathethayo kubo. Kaloku ke jikani, niye ezintenteni zenu, ezweni lelifa lenu, abeninike lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan.

Uyoshuwa 22