1. Wathetha uYehova kuYoshuwa, esithi,
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Zimiseleni imizi yokusabela, endathetha ngayo kuni ngoMoses;
3. ukuba abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi engazi, ibe ziindawo zenu enobalekela kuzo ukusaba umphindezeleli wegazi;
4. abalekele komnye waloo mizi, eme ekungeneni kwesango lomzi, awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu aloo mzi amazwi akhe; amamkelele kuloo mzi, abe kuwo, amnike indawo, ukuba ahlale nawo.
5. Othi, xenikweni umphindezeleli wegazi amsukelayo, angamnikeli umbulali esandleni sakhe, ngokuba wambulala ummelwane wakhe engazi, ebengamthiyile ngaphambili.