Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe endlwini, igazi labo loba phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kubo.