Uyoshuwa 15:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshebharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;

4. wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi.

5. Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan;

6. wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.

Uyoshuwa 15